• 0Shopping Cart
Amava Heritage Publishers
  • Facebook
  • Twitter
  • Youtube
  • Home
  • About
  • Services
  • Gallery
  • Blog
  • Resources
  • Shop
    • Account
    • Cart
    • Checkout
  • Contact
  • Search
  • Menu Menu

by Fmeaddons

Kuyayiwa Kwayiwayo

R170.00

Category: Uncategorized
  • Description
  • Reviews (0)
  • Enquire

Description

Ngudlalo weqonga ogqalisele kubantu abatsha ubukhulu becala, udlalelwa kwilali ephila ubomi bale-mihla ebizwa Mgxobhozo. Usibonisa intlalo nolawulo lwalemihla ekunyanzelekileyo ukuba lumamele inkqubo yolawulo lweNkosi nenkundla yangasebuhlanti, ulawulo olutsha lwentando yesininzi, ukungenelela namandla ezenkolo yobuKrestu, kunye novukelo loonqaw’iyavutha lwabantu abatsha abaneendlela zabo zexa elingekabonwa lokusombulula iingxaki zokuhlala. La matsha-ntliziyo ke asoloko enyanzelisa uvukelo-mbuso alufunde kwisizukulwana sengcinezelo ube umthetho wona uthe gqolo ukubakhumbuza ukuba saathutha apho.
Isithethe samanyange sinyolwa ebusweni sinyevulelwe yinkolo yobuKrestu kujijiswane de kuswane emaplangeni agwetyelwe amakholwa, ihlazeke iNkosi. Le ncwadi ichitha ithuba elaneleyo ifundisa abatsha ukuba kwakuphilwa njani mandulo iyintoni esentle ngezo dlela. Umzekelo, bonke abalinganiswa baneziduko, umbhali uhamba angene nzulu ethutha isiduko ngasinye xa lomdlali evela okokuqala kweso siqendu. Le nto ke inceda abaninzi beso siduko de babe nayo into ebhaliweyo abazakumane besiya kungqubeka kuyo ngoku bengayifumananga ngendlela elalisayo katitshala ozakuma phambi kwabo athi bhala uthi.
Lo mdlalo uqulathe kananjalo indlela etyebileyo yokusetyenziswa kolwimi lwesiXhosa kuzo zoshumi izintlu zalo ezahlukeneyo. Isithethe esesikrobe engcwabeni ngoku sembongi yomthonyama ehamba phambi kweNkosi lixa ngalinye ingena enkundleni kukho imbizo sishicilelwe apha, isibongo esahlokileyo mbizo nganye kwezininzi ezilapha. Okwesibini, isiXhosa esinomhluzi sasezilalini sikhona apha. Sikho ke neso silele ngecala sithethwa kwezoTaxi zasedolophini. Sikho ke torho neso siqhokreke amadolo sisetyenziswa ikakhulu ngamantombi alemihla. EsooLova naso sikhona esivangwe ngesiTsotsi. Sikhona neso siboleke kakhulu esilungwini sisetyenziswa ngabashumayeli bezilwimi namagosa karhulumente, ukanti sikhno neso siyingqaka sisetyenziswa enkundleni nasemaxhantini xa kusenziwa umcimbi wekhaya wesiNtu.
Zikhona iingoma zamaXhosa ezisecicini lokuwela kwelokulibala ezishicilelwe kule ncwadi ukuze zisinde ezembeni lengelosi yokufa.
Le ncwadi ibingasoze ibe ngusuka-sambe womdlalo weqonga ovusa umnyele ukuba ubungenazo iimpawu ezivusa umnyele lowo. Apha sibala, inyala lokubulala, amanyala ezesondo, ukukhulelwa kwentombi kamfundisi ithunyelwe esikolweni, ukulahlwa kwabantwana emgqomeni, unyana weNkosi onguSenzwana, ukutyiwa kweziyobisi, ukuthengiswa kweziyobisi ziititshala eskolweni, uhluthahluthwano ngezihlalo zokulawula, ungquzulwano yicawa nabahlali, ulwabhice enkundleni kaMantyi, nokuthakatha ke kukwakhona, ndibala ntoni na, zivele ngokwakho!!! Indaba yotyelo ayikholi.!!!

Reviews

There are no reviews yet.

Only logged in customers who have purchased this product may leave a review.

Product Enquiry

This is a short description

Name*

Email*

Enquiry*

Related products

  • African Christian Witness

    R160.00
    Add to cart Show Details
  • Maqoma - The Legend of A Great Xhosa Warrior

    Maqoma – The legend of a great Xhosa warrior

    R300.00
    Add to cart Show Details
  • The Return Of the Wild Cats

    R260.00
    Add to cart Show Details
  • Dying Unto Myself

    R260.00
    Add to cart Show Details

Heritage Quotes

A people’s relationship to their heritage is the same as the relationship of a child to its mother.

— John Henrik Clarke

Pages

  • About
  • Account
  • Blog
  • Cart
  • Checkout
  • Contact
  • Gallery
  • Home
  • Resources
  • Services
  • Shop
  • Terms and Conditions

Recent Posts

  • Maqoma – The Legend of a Great Xhosa Warrior
  • MAQOMA: Crowdfunding appeal for the making of a Film
  • Life Before Interruptions
  • INSIGHT: Maqoma – Legend of a Great Xhosa Warrior
  • National Book Week & South Africa Book Fair Promotion

Tags

Heritage Inkundla Traditional Court Ubuntu
© Copyright | Amava Heritage Publishers - Designed By Osan Digital (PTY) LTD
UbuNgqina bobuKrestu bama-AfrikaUbufakazi ngomKristu wase-Afrika
Scroll to top